INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
UBukumkani—Iminyaka Eyi-100 Ukusa Phambili
Abo bafuna ukuba ngabemi boBukumkani bukaThixo bafanele bafunde yonke into ngoBukumkani noko bukuphumezileyo. Ngoba? Oku akuyi kubanceda nje babe nokholo lokuba uBukumkani bukaThixo buyalawula, kodwa iya kushukumisa iintliziyo zabo ukuze baxelele abantu ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Nd 45:1; 49:3) Njengoko ubukele ividiyo ethi UBukumkani—Iminyaka Eyi-100 Ukusa Phambili, khangela iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:
-
Kwakutheni ukuze ‘iPhoto-Drama of Creation’ ibe yintsikelelo kwabo bayibonayo?
-
Yasetyenziswa njani irediyo ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ebantwini?
-
Ziziphi ezinye iindlela ezazisetyenziswa ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo, ibe zaba luncedo kangakanani?
-
Ukuqeqeshelwa ukushumayela kuphuculwe njani kule minyaka idluleyo?
-
Luluphi uqeqesho oluluncedo oluye lwafunyanwa ngabo baye kwisikolo saseGiliyadi?
-
Iindibano zibafundise njani abantu bakaYehova?
-
Bubuphi ubungqina onabo bokuba uBukumkani bukaThixo buyalawula?
-
Sibonisa njani ukuba siyabuxhasa uBukumkani bukaThixo?