Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ungenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda?

Ungenza Njani Ukuze Kukuncede Ukufunda?

KUTHENI KUBALULEKILE: Ukuyifunda kakuhle iBhayibhile kusinceda ‘sicacelwe ngokucokisekileyo engqondweni koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu’ benyaniso. (Efe 3:18) Kunokusinceda sihlale simsulwa kweli hlabathi libi size ‘sibambelele ngokuqinileyo kwilizwi lobomi.’ (Fil 2:15, 16) Xa umntu ezifundela iBhayibhile unokukwazi ukufunda ngezinto afuna ukuncedwa kuzo. Singenza ntoni ukuze kusincede nyhani ukufunda iBhayibhile?

INTO ONOKUYENZA:

  • Krwelela iivesi zeBhayibhile uze ubhale izinto ezinokukunceda ephepheni okanye efowunini, kwitablet naseBhayibhileni

  • Zibuze imibuzo ngezinto ozifundayo eBhayibhileni, njengethi: ‘Ngubani? Intoni? Nini? Phi? Kutheni? Ngoba? Njani?’

  • Phanda usebenzisa izixhobo zokuphanda. Ungaphanda umxholo okanye ivesi yeBhayibhile

  • Cingisisa ngezinto ozifundayo ukuze ubone ukuba unokuzisebenzisa njani

  • Zenze yonke imihla izinto ozifundileyo.​—Luk 6:47, 48

BUKELA IVIDIYO ETHI UKUFUNDISISA KUZA KUKUNCEDA ‘UBAMBELELE NGOKUQINILEYO,’” EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kubancede njani abanye ukufundisisa?

  • Kutheni kufuneka siqale sithandaze xa siza kufunda?

  • Yintoni enokusinceda siyiqonde kakuhle into esiyifunda eBhayibhileni?

  • Sinokuzikrwelela njani ezona zinto zibalulekileyo xa sifunda?

  • Kutheni kubalulekile ukuzicingisisa izinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo?

  • Simele senze ntoni ngezinto esizifundileyo?

“Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.”​—Nd 119:97