INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Uza Kuthini UYehova?
Ngaphambi kokuba senze izigqibo ezikhulu okanye ezincinci, ngaba siyazibuza ukuba ‘uza kuthini uYehova?’ Soze siyazi yonke into ecingwa nguYehova, kodwa kwiLizwi lakhe usixelela “wonke umsebenzi olungileyo.” (2Ti 3:16, 17; Rom 11:33, 34) UYesu wayeyazi yonke into ethandwa nguThixo ibe yayiyeyona ibalulekileyo kuye. (Yoh 4:34) Nathi njengoYesu kufuneka senze kangangoko ukuze simvuyise uYehova.—Yoh 8:28, 29; Efe 5:15-17.
BUKELA IVIDIYO ETHI HLALANI NIJONGA UKUBA KUYINTONI NA UKUTHANDA KUKAYEHOVA (LEV 19:18) UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Kutheni kufuneka sisebenzise imigaqo yeBhayibhile kuyo yonke into esiyenzayo?
-
Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile esimele sicinge ngayo xa sikhetha umculo?
-
Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile esimele sicinge ngayo xa sikhetha indlela yokunxiba nokuzilungisa?
-
Zeziphi ezinye izinto esinokuyisebenzisa kuzo imigaqo yeBhayibhile?
-
Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siye siyiqonda into uYehova afuna siyenze?