Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Yikhethe Kakuhle Indlela Yokuzonwabisa

Yikhethe Kakuhle Indlela Yokuzonwabisa

Kutheni kufuneka siyikhethe kakuhle indlela yokuzonwabisa? Into esikhetha ukuzonwabisa ngayo iyahlala engqondweni yethu. Yiloo nto kufuneka siyikhethe kakuhle imuvi esiza kuyibukela, ingoma esiza kuyimamela, iwebhusayithi esiza kungena kuyo okanye umdlalo wevidiyo esiza kuwudlala. Izinto esizikhethayo zinokuyitshintsha indlela esizenza ngayo izinto. Iindlela zokuzonwabisa ezikhoyo namhlanje zinezinto uYehova angazithandiyo. (Nd 11:5; Gal 5:19-21) Ngenxa yoko, iBhayibhile ithi masihlale sicinga ngezinto ezizukisa uYehova.​—Fil 4:8.

BUKELA IVIDIYO ETHI NDINGAZONWABISA NGANTONI? EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Imidlalo yomlo yakudala yamaRoma ifana njani neyanamhlanje?

  • AmaKristu asebandleni anokulunceda njani ulutsha luyikhethe kakuhle indlela yokuzonwabisa?

  • Yeyiphi indlela yokuzonwabisa esimele siyikhethe xa sicinga ngamaRoma 12:9?

  • Zeziphi iindlela ezifanelekileyo abazonwabisa ngazo abantu kwindawo ohlala kuyo?