INDLELA YOKUPHILA YAMAKRIST
Ungafunda Ntoni Kubazalwana Noodade Abanamava?
Emabandleni ethu, sikhonza nabazalwana noodade ekudala bengamaNgqina KaYehova. Singafunda kwindlela abamthembe ngayo uYehova. Singababuza ngezinto ezazisenzeka kudala kwintlangano, nangeengxaki ababenezo waza uYehova wabanceda kuzo. Singamema omnye wabo kanti, size simcele asibalisele ngamava akhe kuNqulo Lwentsapho.
Ukuba kudala ukhonza uYehova, babalisele abasebatsha ngendlela akuncede ngayo. UYakobi noYosefu babeyibalisela inzala yabo ngezinto uYehova awabenzela zona. (Gen 48:21, 22; 50:24, 25) Emva kwexesha, uYehova waxelela iintloko ntsapho ukuba zixelele abantwana bazo ngezinto azenzileyo. (Dut 4:9, 10; Nd 78:4-7) Kule mihla, abazali nabantu abasebandleni bangaxelela abantu abasebatsha ngezinto ezimangalisayo uYehova azenzileyo esebenzisa intlangano yakhe.
BUKELA IVIDIYO ETHI BAHLALA BEMANYENE NANGONA UMSEBENZI WABO WAWUVALIWE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Isebe laseAustria labanceda njani abazalwana bethu abahlala kumazwe apho umsebenzi wethu wawuvaliwe?
-
Abazalwana abakula mazwe balugcina njani ukholo lwabo luqinile?
-
Kwakutheni ukuze abavakalisi abaninzi eRomania bayishiye intlangano kaYehova, ibe babuya njani?
-
La mava aluqinisa njani ukholo lwakho?