Benza iSikhumbuzo sokufa kukaKristu eJamani

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO Matshi 2016

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Amacebiso okuhambisa iMboniselo nesimemo seSikhumbuzo sika-2016. Sebenzisa imizekelo ukuze uzenzele ezakho iintshumayelo.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UEstere Wazincama Ngenxa KaYehova Nabantu Bakhe

Enesibindi wabeka ubomi bakhe esichengeni waza wancedisa uMordekayi amisele umthetho wokukhusela amaYuda ekutshatyalalisweni. (Estere 6-10)

YIKHUTHALELE INTSIMI

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Zenzele Eyakho Intshumayelo

Sebenzisa amacebiso okuzenzela ezakho iintshumayelo zeMboniselo noVukani!

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Zamkele Iindwendwe Zethu

Sinokuzinceda njani iindwendwe nabantu abapholileyo bazive bamkelekile eSikhumbuzweni?

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UYobhi Wahlala Enyanisekile Xa Wayevavanywa

Wabonisa ukuba uYehova wayengoyena Mntu ubalulekileyo ebomini bakhe. (Yob 1–5)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UYobhi Othembekileyo Uchaza Intlungu Yakhe

Ukukungcungcutheka nokutyhafa kwayichaphazela indlela uYobhi awayecinga ngayo kodwa waqhubeka emthanda uYehova uThixo. (Yob 6-10)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

UYobhi Wayeqinisekile Ukuba Uvuko Luza Kubakho

Wayesazi ukuba uYehova wayeza kumbuyisela ebomini njengesiphunzi somthi esiphinda sihlume ezingcanjini zaso. (Yob 11–15)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Uvuko—Lukho Ngenxa Yentlawulelo

Isipho sikaYehova sentlawulelo senza uvuko olusezayo lubekho. Kunokuba sibe sentlungwini ngenxa yokulahlekelwa ngabantu esibathandayo, siza kubamkela.