Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ESTERE 6-10

UEstere Wazincama Ngenxa KaYehova Nabantu Bakhe

UEstere Wazincama Ngenxa KaYehova Nabantu Bakhe

UEstere wayenenkalipho ibe ezincama ukuze amele uYehova nabantu bakhe

8:3-5, 9

  • UEstere noMordekayi babesindile. Kodwa isindululo sikaHaman sokuba kubulawe onke amaYuda sasisasazeke mbombo zonke zobukhosi

  • UEstere waphinda wabeka ubomi bakhe esichengeni, ngokuvela phambi kokumkani engabizwanga. Wabalilela abantu bakhe waza wacela ukumkani ukuba atshintshe isigwebo esoyikekayo

  • Imithetho edluliselwa egameni likakumkani ayinakutshintshwa. Ukumkani wagunyazisa uEstere noMordekayi ukuba benze imithetho emitsha

UYehova wabanika uloyiso olukhulu abantu bakhe

8:10-14, 17

  • Kwaphuma isindululo sesibini esigunyazisa amaYuda ukuba azikhusele

  • Abakhweli bamahashe bathi bhazalala kubo bonke obo bukhosi ibe amaYuda alungiselela idabi

  • Abantu abaninzi babubona ubungqina benceba kaThixo ibe baguqukela ebuYudeni