Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Zamkele Iindwendwe Zethu

Zamkele Iindwendwe Zethu

NgoMatshi 23, kulindeleke iindwendwe ezize eSikhumbuzweni ezimalunga nezigidi eziyi-12 nangaphezulu. Isithethi siza kuthetha nazo ngesipho sikaYehova esiyintlawulelo nezinye iintsikelelo eziza kufunyanwa luluntu kwixesha elizayo. (Isa 11:6-9; 35:5, 6; 65:21-23; Yoh 3:16) Noko ke, ayisosithethi sodwa esiza kuthetha kwesi sihlandlo sikhethekileyo. Sonke sinokuzamkela ngobubele iindwendwe zethu. (Rom 15:7) Nazi ezinye iindlela esinokwenza ngazo.

  • Kunokuba ulindele ukuqalisa kweentlanganiso uhleli phantsi, yamkela iindwendwe nabantu abapholileyo ngokubabulisa ngobubele uncumile

  • Ngoxa uhoye abantu obamemileyo, baqaphele abantu abazileyo ekusenokwenzeka bebefumene isimemo. Hlala nabo uze ubabonise iBhayibhile neculo

  • Emva kwentetho zenze ufumaneke ukuze uphendule imibuzo. Ukuba lincinane ixesha ngenxa yokuba ibandla lenu kufuneka liphumile ukuze kungene elinye, yenza amalungiselelo okumtyelela loo mntu ngokukhawuleza. Ukuba awazi ukuba ungaqhagamshelana njani naye, ungathi: “Ndingathanda ukuva indlela ovakalelwa ngayo ngolu cwangciso. Ndingaqhagamshelana njani nawe?”