Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 6-10

UYobhi Othembekileyo Uchaza Intlungu Yakhe

UYobhi Othembekileyo Uchaza Intlungu Yakhe

UYobhi wayengumpha ochutywe walahlwa, efelwe ibe wayegula kakhulu, kodwa wahlala ethembekile. Ngoko uSathana wazama ukumtyhafisa ukuze amenze ayeke ukunyaniseka kuYehova. Kwafika amadoda amathathu awayezenza abahlobo bakhe. Aqala ngathi anovelwano kuye. Emva koko ahlala noYobhi iintsuku ezisixhenxe, engakhuphi nelimdaka ilizwi lokumthuthuzela. Amazwi awalandelayo kukumtyabeka ngezityholo.

Nangona wayejamelene nobunzima, uYobhi wahlala enyanisekile kuYehova

6:3; 7:16; 9:20-22; 10:1, 12

  • Ukuba sentlungwini kukaYobhi kwamenza wacinga ngeny’ indlela. Waphazama ngokucinga ukuba uThixo akakukhathalelanga ukuhlala kwakhe ethembekile

  • Ngenxa yokutyhafa, uYobhi akazange acinge ngezinye izizathu ekusenokwenzeka ukuba zazibangela ukuba sentlungwini kwakhe

  • Nangona wayethwaxwe kanobom yintlungu, uYobhi waxelela abantu ababemtyhola ngendlela awayemthanda ngayo uYehova