Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Uvuko—Lukho Ngenxa Yentlawulelo

Uvuko—Lukho Ngenxa Yentlawulelo

ISikhumbuzo sisihlandlo sokucinga ngeentsikelelo zekamva ezikho ngenxa yentlawulelo, njengovuko. Ayizange ibe yinjongo kaYehova ukuba abantu bafe. Yiloo nto enye yezona mvakalelo zibuhlungu kuthi iyintlungu yokufelwa ngumntu omthandayo. (1Ko 15:26) UYesu wayebuhlungu kukubona abafundi bakhe besentlungwini yokulahlekelwa nguLazaro. (Yoh 11:33-35) Ekubeni uYesu engumfanekiso ogqibeleleyo kaYise, sinokuqiniseka ukuba uYehova naye uba buhlungu xa esibona sisentlungwini yokulahlekelwa ngabantu esibathandayo. (Yoh 14:7) UYehova ulilindele ngolangazelelo ixesha laxa eya kuvusa abakhonzi bakhe, ibe nathi sifanele sibe njalo.—Yob 14:14, 15.

Ekubeni uYehova enguThixo wocwangco, kufanelekile ukucinga ukuba uvuko luya kwenziwa ngocwangco. (1Ko 14:33, 40) Endaweni yokuba kubekho imingcwabo, kusenokwamkelwa abantu abavusiweyo. Ngaba ukhe ucinge nzulu ngovuko, ngokukodwa xa usentlungwini? (2Ko 4:17, 18) Ngaba uyambulela uYehova ngokulungiselela intlawulelo nangokuchaza eZibhalweni ukuba abantu abafileyo baza kuphila kwakhona?—Kol 3:15.

  • Nguwuphi oyena mhlobo nesalamane sakho okhangele phambili ekusiboneni kwakhona?

  • Ngabaphi abona bantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ongathanda ukubabona uze uthethe nabo?