Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 1-5

UYobhi Wahlala Enyanisekile Xa Wayevavanywa

UYobhi Wahlala Enyanisekile Xa Wayevavanywa

UYobhi wayehlala eUtse xa amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa. Nangona wayengengomSirayeli, uYobhi wayengumkhonzi kaYehova onyanisekileyo. Wayenetsapho enkulu, ubutyebi, ibe wayengumzekelo ekuhlaleni. Wayengumcebisi ohloniphekileyo nomgwebi ongathathi cala. Wayenesisa kumahlwempu nakubantu abasweleyo. UYobhi wayeyindoda enyanisekileyo.

UYobhi wabonisa ngokucacileyo ukuba uYehova wayengoyena Mntu ubalulekileyo ebomini bakhe

1:8-11, 22; 2:2-5

  • USathana waphawula ukuba uYobhi wayenyanisekile. Akazange ayiphike into yokuba uYobhi wayemthobela uYehova, kunoko wathandabuza izizathu zakhe zokukhonza uYehova.

  • USathana wathi uYobhi ukhonza uYehova kuba kwakukho okuthile akufumanayo.

  • Ukuze aphendule izityholo zikaSathana, uYehova wavumela uSathana ukuba ahlasele le ndoda ithembekileyo. USathana wazitshabalalisa zonke izinto awayenazo uYobhi ebomini bakhe

  • Xa uYobhi wahlala enyanisekile, uSathana wakuthandabuza ukunyaniseka kwabantu bonke

  • UYobhi akazange one okanye atyhole uThixo ngayo nantoni na