Kumenywa abantu kwiSidlo Sangokuhlwa SeNkosi eAlbania

UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO Matshi 2017

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo onokuzisebenzisa zeMboniselo nezokufundisa inyaniso ngoBukumkani bukaThixo. Sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze uzenzele ezakho iintshumayelo.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

“Ndinawe Ukuba Ndikuhlangule”

Xa uYehova uThixo wakhetha uYeremiya njengomprofeti, waziva engasifanelekeli eso sabelo. UYehova wamqinisekisa njani?

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Bayeka Ukwenza Ukuthanda KukaThixo

AmaSirayeli ayecinga ukuba imibingelelo yawo engcwele yayiza kuthethelela ihambo yawo egwenxa. Ngesibindi uYeremiya wazibhenca izono nokuhanahanisa kwamaSirayeli.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

Sebenzisa le ncwadana ukuze ufundise abantu obafundela iBhayibhile ngamaNgqina KaYehova, ngemisebenzi esiyenzayo nangentlangano yethu.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Abantu Banokuphumelela Kuphela Ukuba Bakhokelwa NguYehova

KuSirayeli wamandulo abo babelandela ulwalathiso lukaYehova uThixo babeseluxolweni, bonwabile ibe bephumelela.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

Sebenzisa imifanekiso nezibhalo ukuze ufundise inyaniso kubantu abasokolayo ukufunda.

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

AmaSirayeli Amlibala UYehova

Yintoni eyayifundiswa nguYehova uThixo xa waxelela uYeremiya ukuba athabathe uhambo oluziimayile eziyi-300 ukuya kufihla ibhanti lelinen?

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Nceda Intsapho Yakho Ingamlibali UYehova

Unqulo lweNtsapho olwakhayo nolwenziwa rhoqo lunokunceda intsapho yakho ingamlibali uYehova. Ninokuzoyisa njani iingxaki ezinokwenza lungabikho unqulo lwentsapho?