Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

Incwadana ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? yenzelwe ukuba ifundwe nezifundo zethu ekuqaleni okanye ekupheleni kwesifundo ngasinye. * Isifundo 1 ukuya ku-4 sinceda isifundo siqhelane nathi maNgqina, isifundo 5 ukuya ku-14 sinceda izifundo zifunde ngemisebenzi yethu ibe isifundo 15 ukuya ku-28 sibonisa indlela esebenza ngayo intlangano. Kuhle ukuba izifundo zifundwe ngokulandelelana kwazo, ngaphandle kokuba kukho isifundo anomdla kuso umntu ofunda naye. Sifundo ngasinye sikwiphepha elinye, kwaye kubantu abaninzi sinokuxutyushwa kwimizuzu emihlanu okanye elishumi.

  • Vuselela umdla kumbuzo ongumxholo wesifundo

  • Sifundeni kunye isahluko, ninokusifunda sonke okanye ngokweziqendu

  • Xubushani isifundo emva kokuba nisifundile. Buza imibuzo esekupheleni kwesifundo nize nithethe nangemifanekiso. Funda uze ucacise izibhalo ezibonisiweyo. Bonisa ukuba imixholwana ebhalwe ngqindilili iphendula umbuzo ongumxholo

  • Ukuba kukho ibhokisi ethi, “Funda Okungakumbi”, yifundeni kunye uze ukhuthaze isifundo sakho ukuba sisebenzise icebiso elikule bhokisi

^ isiqe. 3 Incwadana ekwisixhobo se-elektroniki inenkcazelo ehlaziyiweyo.