Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

Incwadana ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade yenzelwe ukufundisa iimfundiso ezisiseko zeBhayibhile ngemifanekiso kubantu abanengxaki yokufunda. Isifundo ngasinye sinamaphepha amabini yaye sinemifanekiso elungiselelwe kakuhle ibe mfanekiso ngamnye ukhokelela komnye.

Incwadana ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade inamagama asecaleni kwemifanekiso yaye afundeka lula kwisifundo esikwaziyo ukufunda. Abavakalisi banokuyisebenzisa le ncwadana xa befundisa. Le ncwadana ineebhokisi ezisekupheleni kwesifundo ngasinye, ezinenkcazelo eninokuyixubusha kodwa kuxhomekeke kwimeko yomfundi.

Usenokuyihambisa le ncwadana nanini na, enoba akuhanjiswa yona kuloo nyanga. Xa uqhuba isifundo, sebenzisa imifanekiso ukuze ucacise ingxelo eseBhayibhileni. Buza imibuzo ukuze uqiniseke ukuba isifundo siyakuva oko kuthethwayo. Funda uze ucacise izibhalo ezisekupheleni kwephepha ngalinye. Emva kokuba nigqibile ukuyifunda le ncwadana, fundani incwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ukuze uncede isifundo sakho silungele ukubhaptizwa.