Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YEREMIYA 12-16

AmaSirayeli Amlibala UYehova

AmaSirayeli Amlibala UYehova

UYeremiya wayenikwe isabelo esinzima sokuchazela abantu ukuba uYehova uzimisele ukutshabalalisa uYuda neYerusalem enekratshi

UYeremiya wathenga ibhanti lelinen

13:1, 2

  • Ibhanti elalibhinqwa esinqeni lalifuzisela ubuhlobo obusondeleyo obabunokubakho phakathi kukaYehova nohlanga

UYeremiya wathatha eli bhanti walisa kuMlambo umEfrate

13:3-5

  • Walifihla kwimfanta yengxondorha waza wabuyela eYerusalem

UYeremiya wabuyela kuMlambo umEfrate ukuze aye kulithatha

13:6, 7

  • Ibhanti lalonakele

UYehova wacacisa ngalo mba emva kokuba uYeremiya ekwenzile oko wayekuthunyiwe

13:8-11

  • Ukuzithoba ngokunyanisekileyo kukaYeremiya koko kwakubonakala kunzima kwabangela ukuba uYehova afikelele iintliziyo zabantu bakhe