Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Nceda Intsapho Yakho Ingamlibali UYehova

Nceda Intsapho Yakho Ingamlibali UYehova

UYeremiya wayethunywe ukuba alumkise amaYuda ngentshabalalo eyayiza kubakho kuba ayemlibele uThixo wawo, uYehova. (Yer 13:25) Kwenzeka njani ukuba olu hlanga lube kule meko? Iintsapho zamaSirayeli zamlibala uThixo. Kucacile ukuba iintloko ntsapho zazingaluthobeli ulwalathiso lukaYehova olukwiDuteronomi 6:5-7.

Namhlanje, iintsapho ezomeleleyo zibangela amabandla azinze. Iintloko ntsapho zinokunceda iintsapho zazoukuba zingamlibali uYehova ngokuba noNqulo Lwentsapho olwakhayorhoqo. (Nd 22:27) Emva kokubukelaividiyo ethi: La Mazwi . . . Amele Abe Sentliziyweni Yakho”—Udliwano-ndlebe Neentsapho, phendula le mibuzo:

  • Ezinye iintsapho ziye zajongana njani ngokuphumelelayo neengxaki ezibangela kube nzima ukuba nonqulo lwentsapho?

  • Yiyiphi eminye imiphumo efumanekayo ngokuba noNqulo Lwentsapho olwakhayo rhoqo?

  • Ziziphi iingxaki ezibangela ukuba lungabikho uNqulo Lwentsapho, ibe ndiceba ukuzilungisa njani?