Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

IMBONISELO

Umbuzo: Xa ucinga, sisiphi esona sipho sakha sasikhulu esisiphiwe nguThixo?

Isibhalo: Yoh 3:16

Unokuthi: Le Mboniselo ibalaselisa isizathu sokuba uThixo athumele uYesu emhlabeni ukuze asifele nendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyasixabisa.

YINTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

Umbuzo: [Mbonise iphepha elingaphandle.] Ungawuphendula njani lo mbuzo? Ngaba uBukumkani bukaThixo buyinto esentliziyweni yakho? yintsom’ emini? okanye ngurhulumente osezulwini?

Isibhalo: Dan 2:44; Isa 9:6

Unokuthi: Eli phecana lithetha ngendlela uBukumkani bukaThixo obunokukunceda ngayo.

ISIMEMO SESIKHUMBUZO

Unokuthi: Simemela abantu kwisiganeko esikhethekileyo. [Mnike isimemo.] NgoAprili 11, izigidi zabantu ziza kudibana ukuze zikhumbule ukufa kukaYesu, ziphulaphule nentetho yeBhayibhile ecacisa indlela okunokusinceda ngayo ukufa kwakhe. Esi simemo sinexesha nendawo ezakuba kuyo le ntlanganiso. Siyathemba ukuba siza kubonana khona.

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini