Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Masizifundise Ukulungiselela Izifundo Zethu

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Masizifundise Ukulungiselela Izifundo Zethu

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Xa izifundo zethu zilungiselele, zinokuyiqonda kakuhle into esizifundisa yona zize zingayilibali. Xa ziyiqonda kwaye ihlala isezingqondweni zazo, ziya kukhawuleza ukuyitshintsha ihambo yazo. Nasemva kokuba zibhaptiziwe, kuza kufuneka zilungiselele iintlanganiso nentsimi, ukuze ‘zihlale zilindile.’ (Mat 25:13) Ngoko xa zisazi ukuba zimele zifunde njani naxa zingaliphosi ixesha ezilibekele ukufunda, ziya kuncedakala ubomi bazo bonke. Sisaqala nje ukumfundela umntu, simele simncede abe nomdla wokusilungiselela isifundo sakhe.

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Yiba ngumzekelo. (Rom 2:21) Lungiselela isifundo ngasinye ucinga ngomntu omfundelayo. (km 11/15 3) Makabone ukuba neyakho incwadi ilungiselelwe

  • Mkhuthaze ukuba alungiselele. Xa umntu evuma ukuba umfundele, mchazele ukuba kuza kufuneka alungiselele ngaphambi kokuba nifunde, uze umxelele indlela eza kumnceda ngayo loo nto. Mcebise indlela anokwenza ngayo ukuze afumane ixesha lokulungiselela. Xa beqhuba isifundo, abanye abazalwana noodade banika loo mntu bamfundelayo incwadi yabo elungiselelweyo, ukuze abone indlela ekuluncedo ngayo ukulungiselela. Mncome xa elungiselele

  • Mbonise indlela yokulungiselela. Xa beqala ukufundela umntu, abanye abazalwana noodade basebenzisa lonke elo xesha lesifundo bembonisa indlela yokulungiselela