Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 25

“Hlalani Nilindile”

“Hlalani Nilindile”

25:1-12

Kumzekeliso weentombi ezinyulu, uYesu wayethetha nabathanjiswa kodwa lo mzekelo uyasebenza nakuwo onke amaKristu. (w15 3/15 9-14) “Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa.” (Mat 25:13) Ungakwazi ukuwucacisa umzekeliso kaYesu?

  • Umyeni (ivesi  1)—NguYesu

  • Iintombi eziziingqondi ezazilindele ukufika komyeni (ivesi  2)—Abathanjisiwa abakulungeleyo ukwenza umsebenzi wabo ngokuthembeka nabakhanya njengezikhanyiso de kube sekupheleni (Fil 2:15)

  • Kuyakhwazwa: “Nanku umyeni!” (ivesi  6)—Ubungqina bobukho bukaYesu

  • Iintombi ezizizidenge (ivesi  8)—Abathanjiswa abayokukhawulela umyeni kodwa abangakhange bahlale belindile nabangakhange bathembeke

  • Iintombi eziziingqondi azivumi ngeoli yazo (ivesi  9)—Emva kokutywina okokugqibela, abathanjiswa abazukwazi ukunceda nabani na oye akathembeka

  • “Wafika umyeni” (ivesi  10)—Ngasekupheleni kwembandezelo enkulu uYesu uza kugweba

  • Iintombi ezinyulu ezilungileyo zingena naye kwitheko lomtshato; ucango luyavalwa (ivesi 10)—UYesu uqokelela abathanjiswa abathembekileyo abase ezulwini, abo bangathembekanga balahlekelwa lithemba lokuphila ezulwini