Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ileta Engumzekelo

Ileta Engumzekelo
  • Bhala eyakho iadresi. Ukuba ucinga ayibobulumko ukubhala eyakho iadresi, bhala eyeHolo YoBukumkani ukuba abadala bayavuma. Kodwa UNGAZE usebenzise iadresi yeofisi yesebe njengeyakho.

  • Bhala igama lomntu ukuba uyamazi. Loo nto iza kunceda lo mntu umbhalelayo aqonde ukuba awuthengisi.

  • Qiniseka ukuba amagama uwabhale kakuhle, iziphumlisi zikwindawo efanelekileyo ibe iyafundeka. Ileta yakho kufuneka ibhalwe kakuhle ingabi mdaka. Ukuba uza kuyibhala ngesandla, qiniseka ukuba kulula ukuyifunda. Xa ubhala yiba nentlonipho kodwa kwangaxeshanye ube nobubele.

Le leta ilapha kweli phepha ibonisa indlela yokuyenza yonke le nto. Awunyanzelekanga ukope nqo indlela ebhalwe ngayo xa ubhalela umntu okwintsimi yakho. Ileta yakho yibhale ukuze iphumeze injongo yakho ize ilungele neemeko zasekuhlaleni.