Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Sebenzisa Iividiyo Xa Ufundisa Izifundo ZeBhayibhile

Sebenzisa Iividiyo Xa Ufundisa Izifundo ZeBhayibhile

Izinto ezibonwayo ziyakwazi ukumenza umntu ofundelwayo ayiqonde aze ayikhumbule into ayifundileyo. UYehova onguMyaleli Ozukileyo wazisebenzisa naye xa wayefundisa izinto ezibalulekileyo. (Gen 15:5; Yer 18:1-6) Nomfundisi Omkhulu uYesu wazisebenzisa. (Mat 18:2-6; 22:19-21) Enye yezo zinto zibonwayo eye yaluncedo kakhulu kule minyaka ziividiyo. Ngaba nawe uyazisebenzisa iividiyo xa ufundela izifundo zakho?

Kukho iividiyo eziyi-10 ezisincedayo xa sifundisa ngencwadi ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Ividiyo nganye inomxholo ehambelana nawo kule ncwadi. Ku-jw.org/xh, le ncwadi ineelinki ezibonisa indawo omele udlale kuzo ividiyo. Ukongezelela, ezinye iividiyo onokuzisebenzisa zifumaneka kwiZixhobo Zokufundisa.

Ngaba niza kuthetha ngomxholo ekuza kuba nzima ukuba isifundo sakho siwuqonde? Okanye ngaba kukho into esikhathazayo isifundo sakho? Khangela ku-jw.org/xh okanye kwi-JW Broadcasting ividiyo eza kusinceda? Mhlawumbi wena nesifundo sakho ninokuyibukela nize nincokole ngayo.

Qho ngenyanga kubakho iividiyo ezintsha. Xa uzibukela, cinga ngendlela onokuzisebenzisa ngazo ukuze uncede abanye abantu.