Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ndiza Kumema Bani?

Ndiza Kumema Bani?

Qho ngonyaka, sisebenza nzima simema abantu esishumayela kubo ukuba baye nathi eSikhumbuzweni. Abaninzi kubo asibazi. Kanti ke, sifanele sibameme nabantu esibaziyo. Kuba lula ukuvuma xa bemenywa ngabantu ababaqhelileyo. (yb08 11 ¶3; 14 ¶1) Wena, ngoobani oza kubamema?

  • Abantu ozalana nabo

  • Abantu osebenza nabo okanye ofunda nabo

  • Abamelwane

  • Amabuyelo akho, abantu obafundelayo, nowawukade ubafundela

Enye into, abadala banokumema abantu abapholileyo. Yintoni onokuyenza xa umntu omaziyo engahlali kufutshane nawe? Ukuze wazi ixesha nendawo esiza kungenela kuyo iSikhumbuzo apho ahlala khona, yiya ku-jw.org/xh, kwiphepha lokuqala ngena kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI, uze ucofe indawo ethi “ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu.” Njengokuba ulungiselela iSikhumbuzo salo nyaka, cinga ngabantu onokubamema, uze wenze kanye loo nto.