Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 29-30

UYakobi Uyatshata

UYakobi Uyatshata

29:18-28

UYakobi zange azazi kwangaphambili iingxaki awayeza kuba nazo emtshatweni. Abafazi bakhe, uRakeli noLeya, babengavani. (Gen 29:32; 30:1, 8) Nangona wayenezo ngxaki, uYakobi wabona ukuba uYehova wayesoloko emnceda. (Gen 30:29, 30, 43) Emva kwexesha, inzala yakhe yaba ngamaSirayeli.​—Rut 4:11.

Nanamhlanje, abantu abakhetha ukutshata baza kuba neengxaki. (1Ko 7:28) Kodwa, ukuba bathembela ngoYehova baze basebenzise amacebiso eBhayibhile, bangonwaba ibe umtshato wabo ungaphumelela.​—IMi 3:5, 6; Efe 5:33.