Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Ukushumayela Kubantu Abangaboniyo

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Ukushumayela Kubantu Abangaboniyo

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Abantu abaninzi abangaboniyo abathandi ukuthetha nabantu abangabaziyo. Yiloo nto umntu kufuneka abe nobuchule xa eshumayela kubo. UYehova ubathanda kakhulu abantu abangaboniyo. (Lev 19:14) Nathi singamlinganisa ngokubanceda bafunde ngaye baze basondele kuye.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • ‘Bakhangele.’ (Mat 10:11) Ngaba ukhona umntu omaziyo ozalana nomntu ongaboniyo? Kwindawo oshumayela kuyo, ngaba sikhona isikolo okanye ikhaya labantu abadala elinabantu abangaboniyo, abangathanda ukufumana iincwadi zentlangano ezenzelwe bona?

  • Bathande. Unokumnceda akhululeke umntu ongaboniyo xa unobubele. Qala incoko ngezinto abazaziyo ekuhlaleni

  • Bancede basondele kuYehova. Intlangano yenze izinto ezininzi zokunceda abantu abanengxaki yamehlo. Umveleli wenkonzo ufanele aqinisekise ukuba umzalwana osezincwadini ebandleni uyazi-oda izinto ezicelwa ngabantu abangaboniyo. Buza mntu ngamnye ukuba bangathanda ukufunda ngantoni.