Matshi 8-14
NUMERI 9-10
Ingoma 31 Nomthandazo
Amazwi Okuvula (umz. 1)
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“Indlela UYehova Abakhokela Ngayo Abantu Bakhe”: (imiz. 10)
Ubuncwane ObuseBhayibhileni: (imiz. 10)
Num 9:13—AmaKristu anokufunda ntoni kulo myalelo owanikwa amaSirayeli? (it-1-E 199 ¶3)
Ziintoni ozifundileyo ngoYehova, ngentsimi, nezinye izinto ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Ufundo LweBhayibhile: (imiz. 4) Num 10:17-36 (th isifundo 5)
YIKHUTHALELE INTSIMI
Ukumemela Abantu ESikhumbuzweni: (imiz. 3) Sebenzisa incoko ekwiphepha lokuqala. Ukuba umninimzi unomdla, thetha ngevidiyo ethi Khumbula Ukufa KukaYesu (kodwa ungayidlali) (th isifundo 11)
Xa Ubuyela: (imiz. 3) Mema umntu osebenza okanye ofunda naye owawukhe wancokola naye ngeBhayibhile. (th isifundo 2)
Isifundo SeBhayibhile: (imiz. 5) bhs 214, isihlomelo 16—Memela umntu omqhubela isifundo eSikhumbuzweni, uze umcacisele ngokusuka eBhayibhileni ukuba kutheni engafanele asitye isonka okanye asele iwayini. (th isifundo 17)
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Utshintsho LwaseBheteli Luxhasa Umsebenzi Wokushumayela: (imiz. 10) Ingxubusho. Dlala le vidiyo. Uze ubuze le mibuzo: Sesiphi isaziso esiye senziwa kwintlanganiso yonyaka ka-2015 ibe zeziphi izizathu ezimbini ezibangele olu tshintsho? Loluphi utshintsho olwenziwe eBheteli ibe luncede njani? Esi saziso sizitshintshe njani izinto ebeziza kwenziwa kwisebe laseBritani? Olu tshintsho lwenziweyo lubonise njani ukuba uYehova uyasikhokela?
Into Eyasenza Saya EBheteli: (imiz. 5) Dlala le vidiyo.
ISifundo SeBhayibhile Sebandla: (imiz. 30) rr isahl. 6 ¶1-6, qale udlale ividiyo yentshayelelo
Amazwi Okuvala (imiz. 3)
Ingoma 12 Nomthandazo