Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Konwabele Ukushumayela​—Sebenzisa ILizwi LikaThixo

Konwabele Ukushumayela​—Sebenzisa ILizwi LikaThixo

ILizwi likaThixo linamandla! (Heb 4:12) Lingafikelela neentliziyo zabantu abangamaziyo uThixo. (1Te 1:9; 2:13) Siye sivuye kakhulu xa sidibana nomntu oye azithande izinto eziseBhayibhileni.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO—​NCEDA ABANTU BABONE UKUBA ILIZWI LIKATHIXO LINAMANDLA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • UNeeta umbonise njani uJade ukuba iBhayibhile inamandla xa ebeza kumbonisa isibhalo?

  • UNeeta wenze njani ukuze abonise amandla eLizwi likaThixo xa ebefunda isibhalo, naxa ebethetha ngeyona nto ibalulekileyo kuloo vesi?

  • Yintoni ebonisa ukuba simchukumisile esi sibhalo uJade, ibe inoba imenze waziva njani le nto uNeeta?