Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Buza Imibuzo

Buza Imibuzo

‘UThixo owonwabileyo’ uYehova ufuna sikonwabele ukushumayela. (1Ti 1:11) Siza kuya sivuya kakhulu xa siphucula ubuchule bethu bokushumayela. Ukubuza imibuzo yindlela eqhelekileyo yokuqala incoko ibe kusenokwenza abantu babe nomdla. Imibuzo inceda abantu bacinge. (Mat 22:41-45) Xa ubuza umntu umbuzo uze ummamele kakuhle xa ephendula iba ngathi uthi kuye, ‘Ubalulekile kum.’ (Yak 1:19) Indlela umntu aphendula ngayo ingasinceda sibone ukuba sifanele sincokole ngantoni.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO—​BUZA IMIBUZO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iimpawu ezintle azibonisileyo uJade?

  • UNeeta uwubonise njani umdla kuJade?

  • UNeeta uyisebenzise njani imibuzo ukuze enze uJade abe nomdla kwiindaba ezilungileyo?

  • UNeeta uyisebenzise njani imibuzo ukuze ancede uJade acingisise?