Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Kulumkele Ukuba Nekratshi Nokuzithemba Kakhulu

Kulumkele Ukuba Nekratshi Nokuzithemba Kakhulu

UKora zange afune ukuba abantu bakhonze uYehova ngendlela awayefanele akhonzwe ngayo, kuba waba nekratshi waza wazithemba kakhulu (Num 16:1-3; w11 9/15 27 ¶12)

UKora wayengumLevi owayemsebenzela ngeendlela ezininzi uYehova (Num 16:8-10; w11 9/15 27 ¶11)

UKora wohlwaywa kabuhlungu ngenxa yezinto awazenzayo (Num 16:32, 35)

Asimele sivumele ukuba imisebenzi esiyenzayo enkonzweni kaYehova isenze sibe nekratshi size sizithembe kakhulu. Enoba sinexesha elide sikhonza uYehova okanye sinemisebenzi emininzi entlanganweni kaYehova, sifanele sihlale sithobekile.