Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ungabalinganisi Abantu Abanganyanisekanga

Ungabalinganisi Abantu Abanganyanisekanga

UKora, uDatan, noAbhiram zange banyaniseke kuYehova kuba babengafuni ukumthobela. UYehova ke wabatshabalalisa kunye nabo bonke abantu ababebaxhasa. (Num 16:26, 27, 31-33) Ziintoni ezinokusinceda sizibone ukuba sinyaniseke kangakanani kuYehova? Yeyiphi imizekelo eseBhayibhileni eza kusinceda singabalinganisi abo banganyanisekanga?

BUKELA IVIDIYO ETHI UNGAFANI NAMAWEXU-WEXU AWAMLAHLAYO UYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Walingwa yintoni uNandi, ibe ngowuphi umzekelo owamnceda wahlala enyanisekile?

  • Walingwa yintoni umzalwana owayenento emphoxileyo, ibe wancedwa ngowuphi umzekelo ukuze ahlale enyanisekile?

  • Walingwa yintoni umdala webandla ibe wancedwa ngowuphi umzekelo ukuze ahlale enyanisekile?

  • Walingwa yintoni umzalwana esikolweni ibe wancedwa ngowuphi umzekelo ukuze ahlale enyanisekile?