INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Zonke Iingxaki Zinexesha Eziza Kuphela Ngalo
Iingxaki zinokusityhafisa lula xa zingade ziphele. UDavide wayesazi ukuba ingxaki awayenayo noKumkani uSawule yayiza kuphela ekuhambeni kwexesha, aze abe ngukumkani njengoko uYehova wayethembisile. (1Sa 16:13) Ukholo lukaDavide lwamnceda waba nomonde waze walindela kuYehova ukuba atshintshe ingxaki awayenayo.
Xa sineengxaki sinokusebenzisa ubulumko, ulwazi, okanye indlela esicinga ngayo ukuze siyilungise. (1Sa 21:12-14; IMi 1:4) Kodwa ke iingxaki zisenokungapheli nangona sizame ngandlela zonke ukusebenzisa imigaqo eseBhayibhileni. Kwiimeko ezinjalo masibe nomonde size silindele kuYehova. Kungekudala uza kuphelisa izinto ezibuhlungu aze ‘osule zonke iinyembezi’ emehlweni ethu. (ISi 21:4) Noba iingxaki zethu ziye zaphela ngenxa yoncedo lukaYehova okanye ngezinye izizathu, inye into esiqiniseke ngayo: Zonke iingxaki zinexesha eziza kuphela ngalo. Le nto inokusithuthuzela.
BUKELA IVIDIYO ETHI BAMANYANA KWIHLABATHI ELALINOCALUCALULO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
AmaKristu akumazantsi eUnited States ayeneziphi iingxaki?
-
Bawubonisa njani umonde nothando?
-
Baqhubeka beqiniseka njani “ngezona zinto zibalulekileyo”?—Fil 1:10