Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Nceda Abantu Obafundelayo Bayeke Ukwenza Izinto Ezingafunwayo NguYehova

Nceda Abantu Obafundelayo Bayeke Ukwenza Izinto Ezingafunwayo NguYehova

Abantu abakwaziyo ukuba ngabahlobo bakaYehova ngabo baziphatha kakuhle. (1Pe 1:14-16) Xa abantu obafundelayo beyeka ukwenza izinto ezimbi, loo nto isenokunceda iintsapho zabo, impilo yabo nemeko yabo yemali.

Bacacisele kakuhle ngendlela uYehova afuna siziphathe ngayo nezizathu anazo zokuba siziphathe ngolo hlobo, uze ubabonise nendlela abancedakala ngayo xa bemthobela. Eyona nto ekufuneka ibaluleke kuwe kukutshintsha indlela abacinga ngayo, kuba baza kutsho bakwazi ukwenza izinto uYehova azifunayo. (Efe 4:22-24) Baqinisekise ukuba xa bencedwa nguYehova bangakwazi ukuyeka izinto ezimbi ebekudala bezenza. (Fil 4:13) Bafundise ukuthandaza ngokusuka entliziyweni xa belingelwa ukuba benze isono. Bafundise nokuba bazibone baze baziphephe iimeko apho kusenokubanzima ukuba bakhethe ukwenza into elungileyo. Bakhuthaze ukuba benze izinto eziza kubanceda endaweni yokuba benze izinto ezimbi. Uza konwaba xa ubona uYehova enceda izifundo zeBhayibhile ukuba zitshintshe.

BUKELA IVIDIYO ETHI NCEDA ABANTU OBAFUNDELAYO BAYEKE UKWENZA IZINTO EZINGAFUNWAYO NGUYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Abadala noNeeta babonise njani ukuba bayamthemba uJade?

  • UNeeta uqhubeke emnceda njani uJade?

  • UJade wenze njani ukuze ancedwe nguYehova?