Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukukhangela Ubulumko Ngokufunda IBhayibhile Yonke Imihla

Ukukhangela Ubulumko Ngokufunda IBhayibhile Yonke Imihla

Ubulumko obuvela kuThixo buxabiseke njengobutyebi obufihliweyo. (IMi 2:1-6) Ubulumko businceda sibe ngabantu abalumkileyo nabenza izigqibo ezilungileyo. Buyasikhusela. Ngoko, ubulumko “yeyona nto ibalulekileyo.” (IMi 4:5-7) Kufuneka senze umzamo ukuze sifumane ubutyebi obufihlwe eLizwini likaThixo. Singaqala ngokufunda iLizwi likaThixo “imini nobusuku”​—yonke imihla. (Yos 1:8) Jonga amacebiso anokusinceda ukuze sikonwabele ukufunda iLizwi likaThixo qho.

BUKELA IVIDIYO ETHI ULUTSHA LUFUNDA UKUTHANDA ILIZWI LIKATHIXO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

Yintoni eyenza kwabanzima kolu lutsha ukufunda iBhayibhile yonke imihla, yaye lwancedwa yintoni?

  • UMelanie

  • USamuel

  • UCeline

  • URaphaello

UCWANGCISO LWAM LOKUFUNDA IBHAYIBHILE: