INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Indlela Yokusebenzisa Iividiyo Ezithetha Ngesifundo SeBhayibhile
Zine iividiyo ezithetha ngeSifundo seBhayibhile esinokuzisebenzisa entsimini. Zenzelwe ntoni ezi vidiyo?
-
Ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?—Epheleleyo yayenzelwe ukuba abantu babe nomdla eBhayibhileni enoba bakholelwa kwintoni na. Ikhuthaza abantu ukuba bayifunde iBhayibhile ukuze bafumane iimpendulo ezibalulekileyo ngobomi, ize iphendule neminye imibuzo eseBhayibhileni. Icacisa nendlela yokucela isifundo seBhayibhile.
-
Ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? (emfutshane) ibufana nevidiyo epheleleyo. Ividiyo epheleleyo iyiphindaphinda kathathu le vidiyo imfutshane ngobude. Ingaba luncedo kakhulu kwintsimi enabantu abasoloko bengxamile.
-
Ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa iBhayibhile? yayenzelwe ukuba abantu babenomdla kwisifundo seBhayibhile samahala, ize iphendule eminye imibuzo abanayo ngaso, equka indlela yokucela isifundo.
-
Ividiyo ethi Siyakwamkela Kwisifundo Sakho SeBhayibhile yayenzelwe ukuze kubukeliswe izifundo zeBhayibhile. Nangona le vidiyo iboniswa kwiphepha 2 lencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, sinokuyidlalela isifundo naxa sifunda incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Le vidiyo ithetha ngezinto ezikwincwadi nento isifundo esinokuyilindela xa sifundelwa.
Nangona ezi vidiyo zazenziwe ngenjongo ethile, zinokudlalelwa okanye zithunyelelwe abantu nanini na kufaneleka. Abavakalisi bayakhuthazwa ukuba baziqhelanise nezi vidiyo baze bazisebenzise kakuhle entsimini.