Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Khusela Intliziyo Yakho”

“Khusela Intliziyo Yakho”

UYehova waphefumlela uSolomon ukuba abhale athi: “Ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozikhuselayo, khusela intliziyo yakho.” (IMi 4:23) Kodwa okubuhlungu kukuba amaSirayeli ayeka ukuhamba phambi kukaYehova ‘ngentliziyo yawo yonke.’ (2Kr 6:14) Kwanokumkani uSolomon wavumela abafazi bakhe bezinye iintlanga ukuba balahlekise intliziyo yakhe, loo nto yenza wakhonza abanye oothixo. (1Ku 11:4) Ungayikhusela njani intliziyo yakho? Lalithetha ngaloo nto inqaku elifundwayo leMboniselo kaJanuwari 2019, iphepha 14-19.

BUKELA IVIDIYO ETHI IZINTO ESIZIFUNDA KWIMBONISELO—UNGAYIKHUSELA NJANI INTLIZIYO YAKHO? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

Ziintoni ezazisenokwenza la maKristu aphelelwe lukholo, ibe eli nqaku leMboniselo libancede njani bakhusela iintliziyo zabo?

  • UBrent noLauren

  • U-Umjay

  • UHappy Layou

Eli nqaku leMboniselo likuncede njani?