Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova

Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova

Yonke imihla kufuneka senze izigqibo ezininzi. Xa abantu basehlabathini besenza izigqibo, amaxesha amaninzi balawulwa yindlela abavakalelwa ngayo okanye kuba belinganisa abanye. (Eks 23:2; IMi 28:26) Kwelinye icala abo bathembela ngoYehova ‘basoloko bemkhumbula’ ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, ukuze ibakhokele xa besenza izigqibo.​—IMi 3:5, 6.

Bhala phantsi ukuba unokuzisebenzisa kweziphi iimeko ezi zibhalo zingezantsi ukuze wenze isigqibo esinokukunceda.

BUKELA IVIDIYO ETHI LINGANISA ABANOKHOLO, HAYI ABANGENALO—UMOSES, HAYI UFARO, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

Umzekelo womntu oseBhayibhileni umncede njani lo mzalwana wenza isigqibo esifanelekileyo?