Aprili 8-14
INDUMISO 26-28
Ingoma 34 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Indlela UDavide Awahlala Ethembeke Ngayo KuYehova
(imiz. 10)
UDavide wacela uYehova ukuba amncede amenze abe ngumntu obhetele (INd 26:1, 2; w04 12/1 14 ¶8-9)
UDavide wayekuphepha ukuba nabahlobo abangalunganga (INd 26:4, 5; w04 12/1 15 ¶12-13)
UDavide wayekuthanda ukukhonza uYehova (INd 26:8; w04 12/1 16 ¶17-18)
Nangona uDavide wenza iimpazamo wahamba “ngentliziyo egqibeleleyo.” (1Ku 9:4) Ingqibelelo kaDavide yabonakala kwindlela awayezinikele nawayemthanda ngayo uYehova.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 27:10—Le vesi inokusithuthuzela njani xa siziva silahliwe ngabantu abasondeleyo kuthi? (w06 7/15 28 ¶15)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 27:1-14 (th isifundo 2)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) KWINDLU NGENDLU. Sebenzisa iphecana elikwiTeaching Toolbox. (th isifundo 3)
5. Ukubuyela
(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Thetha ngombuzo ongasemva kwiphecana obulishiye kutyelelo lokuqala. Ngena kujw.org/xh, uze umbonise izinto anokuzifumana apho. (lmd isifundo 9 ingongoma 3)
6. Intetho
(imiz. 5) lmd isihlomelo A ingongoma 3—Umxholo: Umhlaba Uza Kuyeka Ukungcoliseka Uze Uphinde Ube Kwimeko Entle. (th isifundo 13)
Ingoma 128
7. Ulutsha Oluziphethe Kakuhle
(imiz. 15) Ingxubusho.
Ulutsha olungamaKristu kufuneka lusebenze nzima ukuze lungaziphathi kakubi. Alufezekanga ibe basebenza nzima ukuze benze into elungileyo, kuba besebatsha umnqweno wokwabelana ngesondo unokuba namandla nto leyo ekufuneka belwisene nayo ukuze bahlale becocekile emehlweni kaYehova. (Rom 7:21; 1Ko 7:36) Kufuneka baqhubeke besebenza nzima ukuze balwe nengcinezelo yokwabelana ngesondo nomntu wesini esahlukileyo okanye wesini esifanayo. (Efe 2:2) Sinebhongo ngabo baqhubeka bethobela uYehova.
Dlala IVIDIYO ethi Ubomi Bam Ndisemtsha—Ndingenza Njani Ukuze Ndingalali Nomntu Ngaphambi Komtshato? Uze ubuze le mibuzo:
-
Yeyiphi ingcinezelo yoontanga uCory noKamryn ababenayo?
-
Yintoni eyabanceda bahlala benyanisekile?
-
Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda xa unengxaki efanayo?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 8 ¶5-12