Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Aprili 29–Meyi 5

INDUMISO 34–35

Aprili 29–Meyi 5

Ingoma 10 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. “Dumisa UYehova Ngalo Lonke Ixesha”

(imiz. 10)

UDavide wamdumisa uYehova naxa wayeneengxaki (INd 34:1; w07 3/1 22 ¶11)

UDavide zange aqhayise ngesiqu sakhe, waqhayisa ngoYehova (INd 34:​2-4; w07 3/1 22 ¶13)

Amazwi kaDavide endumiso aba nokhuthazo kubahlobo bakhe (INd 34:5; w07 3/1 23 ¶15)

Emva kokuba uDavide esindile kuAbhimeleki, amadoda ayi-400 awayengonwabanga xa kwakulawula uKumkani uSawule aya kuDavide entlango. (1 Sam. 22:​1, 2) Kusenokwenzeka uDavide wayecinga ngala madoda xa wayebhala le ndumiso.​—INd 34, umbhalo osemantla.

KHAWUZIBUZE, ‘Ndingamdumisa njani uYehova kwiintlanganiso zebandla ezilandelayo, xa ndincokola nabanye?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 35:19​—Wayethetha ukuthini uDavide xa wayecela uYehova ukuba angazivumeli ‘ziqwabaze ilihlo’ iintshaba zakhe? (w06 5/15 20 ¶2)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Incoko ikhawuleza iphele ungekafumani ithuba lokushumayela. (lmd isifundo 1 ingongoma 4)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. (lmd isifundo 2 ingongoma 4)

6. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho

(imiz. 5) Umboniso. ijwfq 59​—Umxholo: AmaNgqina KaYehova Abona Njani Ukuba Iholide Ethile Yamkelekile? (th isifundo 17)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 59

7. Iindlela Ezintathu Zokudumisa UYehova Kwiintlanganiso

(imiz. 15) Ingxubusho.

Kwiintlanganiso zebandla sifumana amathuba amaninzi okudumisa uYehova. Nazi iindlela ezintathu zokumdumisa:

Xa uncokola: Thetha ngendlela alunge ngayo uYehova xa uncokola nabanye. (INd 145:​1, 7) Ikhona into oyivileyo okanye oyifundileyo eye yakunceda? Unawo amava amnandi asentsimini? Ubukhe wakhuthazwa ngumntu ngento ayithethileyo okanye ayenzileyo? Kukho into oyibonileyo kwindalo eye yakumangalisa? Zonke ezi zizipho ezivela kuYehova. (Yak. 1:17) Fika kwangethuba kwiintlanganiso ukuze ube nexesha elaneleyo lokuncokola nabanye.

Ukuphendula: Qho xa ukwiintlanganiso zama ukuphendula noba kukanye. (INd 26:12) Usenokunikela impendulo engqalileyo ephendula umbuzo okanye uphendule ngenye into mhlawumbi isibhalo, umfanekiso okanye uchaze ngendlela esinokukusebenzisa ngayo oko sikufundayo. Ekubeni nabanye beza kube bephakamisile xa nawe uphakamisa, lungiselela iimpendulo ezininzi. Nabanye baza kukwazi ‘unikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa’ xa iimpendulo zethu ziyimizuzwana eyi-30 nangaphantsi.​—Heb. 13:15.

Xa ucula: Cula iingoma zoBukumkani ngehlombe. (INd 147:1) Usenokungakhonjwa ukuba uphendule kuzo zonke iintlanganiso, ingakumbi ukuba ukwibandla elikhulu, kodwa ungasoloko usiba nenxaxheba xa kuculwa. Nokuba awuyomvumi ephum’ izandla, ukuba uyazimisela xa ucula qiniseka ukuba loo nto iyamvuyisa uYehova! (2 Kor. 8:12) Ungaziqhelisela ngokumane ucula ezi ngoma xa usekhaya.

Dlala IVIDIYO ethi Imbali Yethu​—Isipho Somculo, Isiqendu 1. Uze ubuze lo mbuzo:

Xa yayiqala ukubakho intlangano yethu, saye sabonisa njani ukubaluleka kokudumisa uYehova ngokucula?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma Entsha Yendibano Ka-2024 Nomthandazo