Matshi 17-23
IMIZEKELISO 5
Ingoma 122 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Hambela Kude Ekuziphatheni Kakubi Ngesondo
(imiz. 10)
Ukuziphatha kakubi ngesondo kusenokubonakala ingathi yinto emnandi (IMi 5:3; w00 7/15 29 ¶1)
Ukuziphatha kakubi ngesondo kuba nemiphumo ebuhlungu (IMi 5:4, 5; w00 7/15 29 ¶2)
Hambela kude ekuziphatheni kakubi ngesondo (IMi 5:8; w00 7/15 29 ¶5)
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
IMi 5:9—Ukuziphatha kakubi ngesondo kukwenza ‘ulahlekelwe njani sisidima sakho’? (w00 7/15 29 ¶7)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 5:1-23 (th isifundo 5)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3.) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Mema umntu ongengomKristu eSikhumbuzweni, uze usebenzise ujw.org/xh ukuze umbonise indawo ekufutshane kuye eza kungenela iSikhumbuzo. (lmd isifundo 6 ingongoma 4)
5. Ukubuyela
(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Kwixesha elidlulileyo lo mntu uthetha naye uye wasamkela isimemo seSikhumbuzo waze wabonakalisa umdla. (lmd isifundo 9 ingongoma 5)
6. Ukwenza Abafundi
(imiz. 5.) lff isifundo 16 kwiindawo ezithi ufunde ntoni, khawutsho, into endizimesele ukuyenza. Xa umfundi ebuza ukuba uYesu wayetshatile na, mbonise indlela anokuyiphanda ngayo impendulo. (lmd isifundo 11 ingongoma 4)
Ingoma 121
7. Xa Uthandana Sebenzela Ukuhlala Uziphethe Kakuhle
(imiz. 15) Ingxubusho.
Ngokuqhelekileyo ukuthandana kuxa “abantu ababini bechitha ixesha kunye baze babonisane uthando omnye komnye.” Le nto basenokuyenza xa bephakathi kwabantu okanye xa bengasondelelananga nabantu. Basenokuncokola xa bedibene, ngefowuni okanye bathumelelane imiyalezo. Asikujongi ukuthandana njengendlela yokuzonwabisa kodwa sikujonga njengenyathelo elibalulekileyo elikhokelela emtshatweni. Ziintoni ezinokunceda abantu abathandanayo, nokuba badala okanye basebatsha, bakuphephe ukuziphatha kakubi ngesondo?—IMi 22:3.
Dlala IVIDIYO ethi Ukulungiselela Umtshato—Inxalenye 1: Ngaba Ndikulungele Ukuthandana?—Emfutshane. Uze ubuze le mibuzo:
-
Kutheni umntu engamele aqalise ukuthandana engekakulungeli ukutshata? (IMi 13:12; Luk 14:28-30)
-
Yintoni oyithandileyo ngendlela aba bazali abayincede ngayo intombi yabo?
Funda IMizekeliso 28:26. Uze ubuze le mibuzo:
-
Yintoni abantu abathandanayo abanokuyenza ukuze bakuphephe kusengaphambili ukuba bodwa kwiimeko ezisenokubenza bafune ukuziphatha kakubi?
-
Kutheni kubalulekile ngabantu abathandanayo ukuba bathethe ngokucacileyo kusengaphambili ngezinto abazakuzenza nabangazukuzenza xa bebonisa uthando, njengokubambana izandla nokuphuzana?
Funda amaEfese 5:3, 4. Uze ubuze lo mbuzo:
-
Yintoni abantu abathandanayo abamele bayikhumbule ngeencoko zabo enoba kusefowunini okanye kwiiwebhsayithi zokuncokola?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 24 ¶1-6