Umbono Oqinisa Ukholo
Khawuqikelele indlela uYesu amele ukuba waziva ngayo xa embonweni uYise wayesithi uyakholiswa nguye. Asithandabuzi ukuba la mazwi amomeleza uYesu, wazilungela iintlungu awayeza kuzifumana. Lo mbono wanceda uPetros, uYakobi noYohane babona ukuba nyhani uYesu unguMesiya, kwaye babesenza kakuhle xa bemmamela. Kwiminyaka eyi-32 emva koko, uPetros wayesawukhumbula, ekhumbula nendlela owalomeleza ngayo ukholo lwakhe ‘kwilizwi lesiprofeto.’—2Pe 1:16-19.
Nakuba sasingekho xa kwakusenzeka lo mbono, siyayibona indlela ozaliseka ngayo. UYesu nguKumkani onamandla. Kungekudala uza ‘kuluphelelisa uloyiso lwakhe,’ size siphile kwihlabathi elitsha elizaliswe bubulungisa.—ISi 6:2.
Ukubona ukuzaliseka kwesiprofeto esiseBhayibhileni kulomeleza njani ukholo lwakho?