INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
UYehova Uya Kukunceda Ube Nesibindi
Ukuba usesesikolweni, ngaba ukhe woyike ukuzichaza ukuba uliNgqina LikaYehova nokushumayela? Ukuba ukhe woyike, ungaba naso njani isibindi sokuthetha ngoYehova? (1Te 2:2) Kutheni ufanele ube nesibindi? Emva kokubukela ividiyo ethi, UYehova Uya Kukunceda Ube Nesibindi, phendula le mibuzo:
-
Ngowuphi umzekelo oseBhayibhileni oncede uAvela waba nesibindi?
-
Into eyenziwa kunqulo lwentsapho yamnceda njani uAvela?
-
Kutheni ufanele uxelele abantu ofunda nabo ngoYehova?
-
Ukuba awusekho sesikolweni, ziziphi izinto ozifundileyo kule vidiyo?