Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Uthando . . . Alubi Nemihlali Ngentswela-Bulungisa”

“Uthando . . . Alubi Nemihlali Ngentswela-Bulungisa”

Zonke izigqibo azenzayo amaKristu okwenene zisekelwe kuthando. Uthando “aluzivuyeli izinto ezimbi.” (1Ko 13:4, 6) Ngenxa yaloo nto asizonwabisi ngokuziphatha kakubi nangobundlobongela. Kwakhona asivuyi xa abanye besehlelwa zizinto ezimbi, nokuba ngabantu abaye basivisa kabuhlungu.​—IMi 17:5.

BUKELA IVIDIYO ETHI LUNJE KE UTHANDO​—ALUBI NEMIHLALI NGENTSWELA-BULUNGISA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Wavakalelwa njani uDavide xa weva ukuba uSawule noYonatan baswelekile?

  • Yayisithini ingoma uDavide awayibhala ngenxa kaSawule noYonatan?

  • Kwakutheni ukuze uDavide angavuyiswa kukusweleka kukaSawule?