Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Xa Ushumayela, Thetha Ngezinto Ezenzekayo

Xa Ushumayela, Thetha Ngezinto Ezenzekayo

Xa uYesu wayeshumayela, wasebenzisa izinto ezazisenzeka ukuze afundise ngazo. (Luk 13:1-5) Nawe ungasebenzisa izinto ezenzekayo ukuze wenze abantu babe nomdla kwiindaba ezingoBukumkani. Emva kokuthetha ngendlela ekunzima ngayo ukuba nemali, ngentlekele yemvelo, ngokulwa kwamaqela elizwe elinye, ngendlela ekunzima ngayo ukuyeka iziyobisi okanye ezinye izinto ezifana nezi, mbuze umbuzo oza kumenza acinge. Usenokuthi xa umbuza: “Ucinga ukuba ingaze iphele i. . . ?” okanye “Ucinga ukuba ingaze ilunge i. . . ?” Emva koko, mbonise isibhalo esithetha ngaloo nto. Ukuba unomdla, mbonise enye yeencwadi okanye iividiyo ezikwiTeaching Toolbox. Njengoko sizimisele ukufikelela iintliziyo zabantu abakwintsimi esishumayela kuyo, ‘masenze zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo.’​—1Ko 9:22, 23.

Ziintoni onokuthetha ngazo ezinokubangela umdla kubantu bentsimi yakho?