Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Lawula Iminqweno Yakho

Lawula Iminqweno Yakho

Njengabantu abanesono, siye sifumanise kunzima ukulawula iminqweno yethu. Ukuba siyayivumela isilawule sisenokuyeka ukuthandwa nguYehova. Ngokomzekelo, abanye basenokuvumela umnqweno wabo wokuthanda ukutya, impahla, nendawo yokuhlala ubenze bangamthandi kangako uThixo. Abanye baye banelise iminqweno yabo yesondo ngendlela engqubanayo nemithetho kaThixo. (Rom 1:26, 27) Kanti bona abanye baye bavumele abantu babenzise izinto ezimbi kuba befuna ukuthandwa nokwamkeleka.​—Eks 23:2.

Singayilawula njani iminqweno yethu? Simele sizame ukwenza kangangoko sinako ukuze senze izinto ezifunwa nguYehova. (Mat 4:4) Kanti okunye, simele simcele uYehova ukuba asincede silawule iminqweno yethu. Ngoba? Kuba yena uyayazi eyona nto isilungeleyo ibe uyakwazi nokwanelisa iminqweno yethu efanelekileyo.​—Nd 145:16.

BUKELA IVIDIYO ETHI SUKUVUMELA UBOMI BAKHO BUMOSHWE KUKUTSHAYA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kutheni abanye abantu betshaya?

  • Kunokwenzeka ntoni kuwe ukuba uyatshaya?

  • Kutheni ukutshaya nokutsala umphunga wecuba ngoomatshini kungafanelekanga?​—2Ko 7:1

  • Ungohlukana nomnqweno wokutshaya!

    Ungenza njani ukuze ungavumi ukutshaya okanye uyeke ukutshaya?