INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Sebenzisa uPhila Ubomi Obumandi Ngonaphakade! Ukuze Wakhe Ukholo Lwakho KuYehova NoYesu
Ukuze izifundo zeBhayibhile zimvuyise uThixo, kufuneka ziqinise ukholo lwazo. (Heb 11:6) Sinokuzinceda zikwazi ukuyenza le nto sisebenzisa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Le ncwadi yokufundisa inezibhalo ezibalulekileyo, icacisa izinto lula, imibuzo yayo iyanceda, ineevidiyo ezikhuthazayo, nemifanekiso emihle. Siyaluqinisa ukholo lwezifundo zethu xa sizinceda zibe neempawu zamaKristu kunye nobuhlobo noThixo.—1Kor 3:12-15.
Abanye abantu bakubona kunzima ukuba ngabahlobo kunye noThixo abangamboniyo. Kufuneka sibancede bamazi uYehova baze bamthembe.
BUKELA IVIDIYO ETHI YAKHA UKHOLO LWABANYE KUYEHOVA, USEBENZISA “UPHILA UBOMI OBUMNANDI NGONAPHAKADE!” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Sazi njani ukuba lo dade usilungiselele kakuhle isifundo?
-
Uyisebenzise njani imibuzo eyongezelelekileyo ukuze ancede umntu amfundelayo achaze indlela avakalelwa ngayo ngoIsaya 41:10, 13?
-
Le vidiyo kunye nezi vesi zeBhayibhile zisincede njani esi sifundo?
Abantu abaninzi abakuqondi ukusihlawulela kukaYesu, okanye abakujongi njengesipho esivela kuThixo. (Gal 2:20) Yiloo nto kufuneka sibancede babenokholo lokuba uYesu wasifela.
BUKELA IVIDIYO ETHI YAKHA UKHOLO LWABANYE KUYESU, USEBENZISA “UPHILA UBOMI OBUMNANDI NGONAPHAKADE!” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Sazi njani ukuba lo mzalwana usilungiselele kakuhle isifundo?
-
Lo mzalwana uyisebenzise njani indawo ethi “Jonga Nezi Zinto” ukuze incede lo mntu ufundelwayo?
-
Kutheni ubalulekile umthandazo kumntu ofundelwayo?