Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ngaba Uzilungele Iimfazwe Neentlekele Elizweni Lakho?

Ngaba Uzilungele Iimfazwe Neentlekele Elizweni Lakho?

Njengoko isiphelo sisondela, silindele ukuba iimfazwe, ukulwa kwamaqela elizwe elinye, kunye namazwe asebenzisa ubundlobongela ukuze oyikise amanye kube kuninzi. (ISi 6:4) Singenza ntoni ukuze sizilungiselele iingxaki ezizayo?

  • Qiniseka ukuba ukulungele ukuhlala uthembekile: Jonga imigaqo namabali aseBhayibhileni aza kukunceda uthembe uYehova nentlangano yakhe kakhulu kunakuqala aze akuncede uhlale ungathathi cala. (IMi 12:5; jr 125-126 ¶23-24) Ngoku lixesha lokuba sakhe ubuhlobo obuqinileyo kunye nabo basebandleni.​—1Pe 4:7, 8

  • Qiniseka ukuba unazo izinto ozidingayo ukuze uhlale usempilweni ibe uphilile: Ceba indlela oza kwenza ngayo ukuze ube nezinto ezaneleyo oza kuzidinga ukuba kufuneka uhlale endlini yakho. Yiba nalo necebo lento oza kuyenza xa kufuneka uhambe. Jonga izinto ezikwi-go bag uze ufake imali nezinto onokuzisebenzisa ukuze uzikhusele. Yiba neenombolo zeefowuni zabadala uze uqiniseke ukuba nabo banayo eyakho.​—Isa 32:2; g17.5 3-7

Xa kukho imfazwe, qhubeka usenza izinto obudla ngokuzenza ukuze ukhonze uYehova, njengokuthandaza, ukufundisisa nokuya kwiintlanganiso. (Fil 1:10) Hlala endlini ngaphandle kokuba kuyimfuneko ukuba uphume. (Mat 10:16) Bancede abanye ngokutya, nezinye izinto onazo.​—Rom 12:13.

BUKELA IVIDIYO ETHI NGABA SOWUYILUNGISELELE INTLEKELE? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • UYehova angasinceda njani xa kukho intlekele?

  • Zeziphi izinto esinokuzenza ukuze silungiselele intlekele?

  • Singabanceda njani abo behlelwe yintlekele?