Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Zikhusele Kubawexuki

Zikhusele Kubawexuki

Ukuze benze ukholo lwethu lungaqini, uSathana kunye nabo abalahlekisayo bayathanda ukudibanisa ubuxoki nenyani. (2Ko 11:3) Ngokomzekelo, ama-Asiriya axoka aza athetha inyani engaphelelanga ukuze atyhafise abantu bakaYehova. (2Kr 32:10-15) Abawexuki basebenzisa amaqhinga afanayo namhlanje. Sifanele senze ntoni xa sisiva izinto abazithethayo? Zijonge njengetyhefu! Sukuzifunda, sukuphendula kuzo okanye uzithethe kwabanye. Kufuneka sikhawuleze sizibone izinto ezibhalwe ngenjongo yokusenza singamthembi ncam uYehova nentlangano yakhe—size siziphephe!—Yude 3, 4.

BUKELA IVIDIYO ETHI “NILULWELE NGAMANDLA UKHOLO”!—ISICATSHULWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kutheni kufuneka silumke ukuba sisebenzisa i-intanethi?

  • Singalisebenzisa njani icebiso elikumaRoma 16:17?