Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Uyayisebenzisa Na IBhayibhile Erekhodiweyo?

Uyayisebenzisa Na IBhayibhile Erekhodiweyo?

Yintoni iBhayibhile erekhodiweyo? YiNguqulelo YeHlabathi Elitsha ehlaziyiweyo erekhodiweyo yangamazwi. Imane ikhululwa kancinci kancinci ngeelwimi ezininzi. Enye into encedayo ngale Bhayibhile irekhodiweyo kukuba isebenzisa amazwi awohlukeneyo kumntu ngamnye. Amagama ayo afundisiswa kakuhle kuze kubekho neemvakalelo ukuze ivezwe ngendlela echanileyo into efundiswa yiBhayibhile.

Abanye baye bancedwa njani yile Bhayibhile irekhodiweyo? Abantu abaninzi abayimamela qho le Bhayibhile irekhodiweyo, bathanda indlela ezenza ziphile ngayo izinto eziseLizwini likaThixo. Bavakalelwa kukuba xa besiva ilizwi elohlukileyo kumntu ngamnye ofundayo, baba nomfanekiso ngqondweni wezinto abazifundayo baze baziqonde bhetele nezinto ezibhaliweyo. (IMi 4:5) Abaninzi bafumanise ukuba ukumamela iBhayibhile erekhodiweyo kubenza bazole xa benamaxhala—Nd 94:19.

Ukuva iLizwi likaThixo lifundwa ngokuvakalayo kunokusinceda kakhulu ebomini bethu. (2Kr 34:19-21) Ukuba iindawana zale Bhayibhile irekhodiweyo zikhona okanye sele ifumaneka ngokupheleleyo ngolwimi olwaziyo, ngaba ungakwazi ukuyimamela xa usenza izinto eziqinisa ukholo?

BUKELA IVIDIYO ETHI UKWENZIWA KWEBHAYIBHILE EREKHODIWEYO—ISICATSHULWA, UZE UBUZE LO MBUZO:

Yintoni ekwenza ungawuvali umlomo ngendlela eyenziwe ngayo iBhayibhile erekhodiweyo?