Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IINDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Vuyiswa Kukuqalisa Incoko

Vuyiswa Kukuqalisa Incoko

Ukushumayela ngokungacwangciswanga yenye yeendlela ezimnandi neziphumelelayo zokunikela ubungqina. Sisenokuba nexhala lokuqalisa incoko ukuba sicinga kakhulu ngendlela esiza kusitshayelela ngayo iSibhalo. Kunokuba uzikhathaze ngokuba uza kuthini xa ushumayela, eyona nto ibalulekileyo kukubonisa umdla kulo mntu uthetha naye. (Mat 22:39; Fil 2:4) Xa uncokola kuze kuvele ithuba lokuthetha ngokholo lwakho, zininzi izixhobo ezinokukunceda uyenze loo nto.

Ezi zixhobo zilandelayo zinokukunceda njani ushumayele ngento ekuncokolwa ngayo?

BUKELA IVIDIYO ETHI INTSIMBI ILOLWA NGENTSIMBI”—QALISA INCOKO, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

Zeziphi indlela ezintathu ezinokusinceda siphucule ubuchule bethu bokushumayela?