INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uzilungele Iingxaki Zemali Ezisenokuvela?
Azisothusi iingxaki zemali ezibakhona emhlabeni wonke ngenxa yezinto ezenzekayo. Ngoba? Kuba siphila ekupheleni kwemihla yokugqibela yaye iBhayibhile isilumkisa ukuba singathembeli “kubutyebi obungazukuhlala bukhona.” (1Ti 6:17; 2Ti 3:1) Umzekelo kaKumkani uYehoshafati usifundisa ntoni ngokulungiselela iingxaki zemali ezisenokuvela?
Xa iintlanga zaziza kuhlasela, uYehoshafati wathembela kuYehova. (2Kr 20:9-12) Walilungiselela kwangaphambili uhlanga ngokukhusela izixeko nokubeka amaqela omkhosi wamajoni. (2Kr 17:1, 2, 12, 13) NjengoYehoshafati senza kakuhle xa simthemba uYehova size silungiselele amaxesha anzima.
BUKELA IVIDIYO ETHI NGABA SOWUYILUNGISELELE INTLEKELE? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Yintoni esinokuyenza ukuze silungele intlekele?
-
Singazilungiselela njani ukuze sincede abanye?