Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
IMBONISELO
Umbuzo: Xa unokubuzwa ukuba linjani izulu, ungathini?
Isibhalo: Yoh 8:23
Unokuthi: Le Mboniselo ithetha ngento eyathethwa nguYesu noYise ngezulu.
FUNDISA INYANISO
Umbuzo: Ngaba akuvumi ukuba esi siprofeto seBhayibhile sithetha kanye ngezi zinto sizibonayo namhlanje?
Isibhalo: 2Ti 3:1-5
Inyaniso: Ekubeni iziprofeto zemihla yokugqibela zizaliseka kweli xesha lethu, sinokuqiniseka ukuba iziprofeto zekamva ziza kuzaliseka.
Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? (Ividiyo)
Intshayelelo: Sidlalela abantu ividiyo emfutshane ebonisa indlela esinokuzifumana ngayo iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo ebomini. [Dlala ividiyo.]
Unokuthi: Le ncwadi ichaza oko kuthethwa yiBhayibhile ngendlela uThixo aza kuzilungisa ngayo iingxaki ezikhoyo emhlabeni. [Hambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile okanye Esinokukufunda EBhayibhileni.]
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.